2 Chronicles 15:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wahlanganisa bonke o‐Juda no‐Benjamine, nabasemzini kunye nabo, bevela kwa‐Frayime, na kwa‐Manase, nakwa‐Simone: ngokuba bebepongomela kuye ko‐Sirayeli ngento eninzi, bakubona ukuba uyehova, utixo wake, unaye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wawahlanganisa onke amaYuda namaBhenjamin nabasemzini ababekuwo, bakwaEfrayim, nabakwaManase, nabakwaSimon; ngokuba bagalela kuye abakwaSirayeli babaninzi, bakubona ukuba uYehova uThixo wakhe unaye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wawahlanganisa onke amaYuda namaBhenjamin nabasemzini ababekuwo, bakwaEfrayim, nabakwaManase, nabakwaSimon; ngenxa yokuba baxabela kuye bebaninzi kwaSirayeli, bakubona ukuba uYehova uThixo wakhe wayenaye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waza ke wamqokelela wonke uJuda noBhenjamin kwakunye namaEfrayim, amaManase, namaSimon awayeze kuma phakathi kwabo; kaloku into eninzi kubo yayimshiyile uSirayeli, yeza kuAsa, yakuqonda ukuba uNdikhoyo uThixo wakhe ungakuye.