2 Chronicles 16:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KEKALOKU ngomnyaka wamashumi matatu anesitandatu wobukumkani buka‐Asa, kwenyuka u‐Bahasha ukumkani wo‐Sirayeli ngakwa‐Juda, wayaka i‐Rama, ukuze angavumeli namnye ukupuma nokungena ku‐Asa ukumkani wo‐Juda.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngomnyaka wamashumi omathathu anesithandathu wobukumkani buka-Asa, wenyuka uBhahesha ukumkani wamaSirayeli, esiza kulwa namaYuda; wayakha iRama, ukuze angavumi ukuba kuphume bani aye kuAsa ukumkani wakwaYuda.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngomnyaka wamashumi omathathu anamithandathu wobukumkani buka-Asa, uBhahesha ukumkani wakwaSirayeli wawafikela amaYuda, wayakha iRama, esithi, makangaphumi mntu, angene noAsa ukumkani wakwaYuda.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku kwathi kunyaka wamashumi amathathu anantandathu wolawulo luka-Asa kwanyuka uBhayesha ukumkani wakwaSirayeli, weza kuhlasela uJuda, wafika wayingqinga iRama, wavala akwabi nakungena nakuphuma mntu kummandla ka-Asa ukumkani wakwaJuda.