2 Chronicles 16:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Asa waqumbela umboni, wamfaka entolongweni; ngokuba ebenomsindo ngakuye pezu kwalento. Waye u‐Asa kanjalo encinezela abantu ngexesha elo inxenye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UAsa wayiqumbela imboni leyo, wayifaka endlwini yesitokisi; ngokuba wayeyijalele ngale nto. UAsa wayicinezela inxenye yabantu ngelo xesha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uAsa wayiqumbela imboni leyo, wayifaka entolongweni; ngokuba wayemqumbele ngenxa yoko. uAsa wabacinezela abantu ngelo xesha.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke uAsa wasuka wakhathazeka yiloo nto yayithethwe yimboni kuye, ngangokuba ade ayibambe ayivalele entolongweni. Kananjalo ke uAsa wasuka ngoku wabangcungcuthekisa ngengcinezelo abanye abantu.