2 Chronicles 16:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa ngowamashumi matatu anesitoba umnyaka wobukumkani bake, wabenesifo u‐Asa ezinyaweni zake, sada isifo sake saba sikulu kunene: kanti nasesifeni sake akafuna uyehova, koko wafuna incibi zamayeza.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngomnyaka wamashumi omathathu anesithoba wobukumkani bakhe, uAsa wayesifa ziinyawo, sada senyuka isifo sakhe;kananjalo esifeni sakhe akamquqelanga uYehova, waquqela amagqirha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uAsa waba buthathaka ezinyaweni zakhe ngomnyaka wamashumi omathathu anesibhozo wobukumkani bakhe, kwada kwaba kukhulu ukufa kwakhe; kodwa ekuguleni kwakhe akazange amfune uYehova, kodwa wafuna oogqirha.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngonyaka wamashumi amathathu anethoba wolawulo lwakhe uAsa wangenelwa sisifo seenyawo. Nangona wayebambekile, naxa yayingasekuko, akazange afune uncedo kuNdikhoyo, koko wabhenela kumagqirha.