2 Chronicles 16:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwa ngeloxesha ke, kweza u‐Hanani umboni ku‐Asa ukumkani wo‐Juda, wati kuye: Ngenxa yokuba wayamile kukumkani we‐Siriya, ungayamanga nje kuyehova, utixo wako, ngako oko isindile impi yokumkani we‐Siriya esandleni sako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngelo xesha uHanani, imboni, weza kuAsa, ukumkani wamaYuda, wathi kuye, Ekubeni wayama kukumkani wama-Aram, akwayama kuYehova uThixo wakho, ngoko ke iphulukile esandleni sakho impi yokumkani wama-Aram.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngelo xesha, weza uHanani, imboni, kuAsa, ukumkani wakwaYuda, wathi kuye, Ekubeni wayame kukumkani wama-Aram, akwakholosa ngoYehova uThixo wakho, ngenxa yoko iintendelezo zelizwe. Wasinda ukumkani wama-Aram isandla sakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngelo thuba ke imboni uHanani yeza kukumkani uAsa wakwaJuda, yathi kuye: “Ngenxa yokuba usuke wakholosa ngokumkani wama-Aram endaweni yokukholosa ngoNdikhoyo uThixo wakho, ngoko ke umkhosi wama-Aram uza kuphuncuka esandleni sakho.