2 Chronicles 16:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba uyehova, amehlo ake ayasingasinga kuwo wonke umhlaba, ukuba azomelezele abantliziyo ikolisekile ngakuye. Wenzile ngobudenge ngalento; ngokuba kaloku kuya kumana kubako imfazwe kuwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba uYehova, amehlo akhe asingasinga ehlabathini lonke, ukuba azomelezele abantliziyo ziphelele kuye. Wenza ubudenge ngale nto; ngokuba kususela ngoku woba neemfazwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba amehlo kaYehova akhangela emhlabeni wonke ukuba omelele ngenxa yabo bantliziyo zizele nguye. Nenze ngobudenge; ke ngoko, niya kuba neemfazwe ukususela ngoku ukuya phambili.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku wona amehlo kaNdikhoyo akulo lonke ihlabathi, yaye ke uyabomeleza abo babambelele kuye ngokupheleleyo. Ewe, wenze into yobuyatha; ngoko ke ukusukela ngoku uza kuntyumpa-ntyumpeka emfazweni.”