2 Chronicles 17:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
WAZA u‐Yehoshafate unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake, wazomeleza ngako‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehoshafati, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe; womelela, wawachasa amaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYehoshafati, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe, wamomeleza ukuba alwe namaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke uYoshafati unyana ka-Asa wangena esikhundleni sikayise, waza ke wawomeleza umkhosi wakhe ukuze angoyiswa nguSirayeli.