2 Chronicles 17:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku ngowesitatu umnyaka wokupata kwake ubukumkani watumela kwinkosi zake, ku‐Bene‐hayili, naku‐Hobadiya, naku‐Zekariya, naku‐Netaneli, naku‐Mikaya, ukuba kufundiswe ezixekweni zakwa‐Juda.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngomnyaka wesithathu wokuba ngukumkani kwakhe, wabathumela abathetheli bakhe, uBhen-hayile, no-Obhadiya, noZekariya, noNataniyeli, noMikaya, ukuba bafundise emizini yakwaYuda;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwakhona, ngonyaka wesithathu wolawulo lwakhe, wathumela kwiinkosana zakhe, uBhen-hayili, uObhadiya, uZekariya, uNataniyeli noMikaya, ukuba baye kufundisa kwizixeko zakwaYuda.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku ngonyaka wesithathu wolawulo lwakhe uYoshafati wathumela la maphakathi ukuba aye kufundisa kwiidolophu zakwaJuda: uBhen-rhayili, uObhadiya, uZakariya, uNataniyeli, noMikaya.