2 Chronicles 18:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku isigidimi esibe siye ukumbiza u‐Mikaya sateta kuye, sisiti: Bona ke, amazwi abaprofite ngomlomo mnye ateta okulungileyo kukumkani; makeliti ke ilizwi lako libe njengelomnye kubo, uz’ utete okulungileyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke umthunywa obeye kubiza uMikaya, wathetha kuye esithi, Khawubone, amazwi abaprofeti athetha okuhle ngamlomo mnye kukumkani; ilizwi lakho makhe libe njengelabo, uthethe okuhle.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Umthunywa owayebize uMika wathetha kuye, wathi, Yabona, amazwi abaprofeti bemxhelo mnye ukumkani; Ilizwi lakho malibe njengenye yazo, uthethe kakuhle.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke isigidimi esasiphuthume uMika sathi kuye: “Uyabona ke, abanye abashumayeli batsho ngazwi-nye kukumkani ukuthi uza kuphumelela. Nawe ke uze ungaphikisani nabo, koko uthethe okuhle.”