2 Chronicles 18:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wasuka weza kukumkani. Waza wati ukumkani kuye: Mikaya! siya kuya e‐Ramote yase‐Gileyadi ukulwa, ndiya kuyeka, kusinina? Wayesiti: Nyukani, nitamsanqeleke; ngokuba beya kunikelwa esandleni senu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wafika kukumkani; wathi ukumkani kuye, Mikaya, siye na eRamoti yaseGiliyadi ukuba silwe, ndiyeke, kusini na? Wathi, Nyuka ube nempumelelo; baya kunikelwa esandleni senu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wafika kukumkani; wathi ukumkani kuye, Mika, siye na eRamoti yaseGiliyadi ukuba silwe, ndiyishiye, kusini na? Wathi, Phuma, uphumelele, kwaye baya kunikelwa ezandleni zakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akuba efikile ke, ukumkani wathi kuye: “Mika, singaya kulwa na neRamoti yaseGiliyadi, okanye ndirhoxe?” UMika wathi: “Phakathi! Yihlasele; uya kuyoyisa, kuba baza kunikelwa esandleni senu!”