2 Chronicles 18:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza ukumkani wo‐Sirayeli wati ku‐Yehoshafate: Andite kuwe na, akayi kuprofitesha ngam okulungileyo, koko eya kuprofitesha okubi?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi ukumkani wakwaSirayeli kuYehoshafati, Bendingatshongo na kuwe ukuthi, akayi kuprofeta okuhle ngam, koba kokubi?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi ukumkani wakwaSirayeli kuYehoshafati, Ndathi, Bendingakuxelelanga, ndathi, Akayi kuprofeta okulungileyo ngam, koprofeta okubi?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukumkani wakwaSirayeli wathi kuYoshafati: “Bendingatshongo na kuwe ukuba lo mfo akaze ashumayele into entle ngam, koko zezimbi zodwa!”