2 Chronicles 18:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati uyehova: Ngubanina oya kuhenda u‐Ahabi ukumkani wo‐Sirayeli, ukuba enyuke, enzakale e‐Ramote yase‐Gileyadi? Wati omnye esiti ngokuti, nomnye esiti ngokuti.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYehova, Ngubani na oya kulukuhla uAhabhi, ukumkani wamaSirayeli, enyuke aye awe eRamoti yaseGiliyadi? Wenjenje lo ukuthetha, wenjenje lo ukuthetha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova, Ngubani na oya kuhenda uAhabhi, ukumkani wamaSirayeli, ukuba enyuke aye abulawelwa eRamoti yaseGiliyadi? Omnye wathetha oku, omnye wathi leya.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waza ke yena wathi: ‘Yaz' ukuba ngubani na oya kulukuhla uAhabhi aze ahlasele iRamoti yaseGiliyadi, khon' ukuze afele khona?’ Omnye uthethe ngolu hlobo, waza ke omnye wathetha ngoluya.