2 Chronicles 18:23 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula wasondela u‐Zedekiya unyana ka‐Kenana, wambeta u‐Mikaya esidleleni, wati: Wadlula ngayipina indlela umoya kayehova evela kum ukuya kuteta nawe?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wesuka uZedekiya, unyana kaKenahana, wafika wambetha uMikaya esidleleni, wathi, Ugqithe ngayiphi na indlela uMoya kaYehova ukumka kum, ukuba aye kuthetha nawe?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wasondela uZedekiya, unyana kaKanan, wambetha uMika esidleleni, wathi, Ugqithe ngantoni na kum uMoya kaYehova, ukuba aye kuthetha kuwe?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wasuka ke uZedekiya unyana kaKenana waya kuMika, wafika wamqhwaba ngempama, wathi: “Ugqithe phi na kum loo moya kaNdikhoyo ukuba aye kuthetha kuwe?”