2 Chronicles 18:29 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza ukumkani wo‐Sirayeli wati ku‐Yehoshafate: Ndiya kuzenza ngakumbi, ndingene pakati kwokulwa; kodwa wena, yambata izivato zako zobukumkani. Kwa njalo ukumkani wo‐Sirayeli wazenza ngakumbi; baza bangena pakati kwokulwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi ukumkani wakwaSirayeli kuYehoshafati, Ndiya kuzenza mntu wumbi, ndingene ekulweni; yambatha iingubo zakho wena.Wazenza mntu wumbi ukumkani wakwaSirayeli, bangena ekulweni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi ukumkani wakwaSirayeli kuYehoshafati, Ndiya kuzenza mntu wumbi, ndingene ekulweni; kodwa nxibani iimpahla zenu. Wazenza mntu wumbi ukumkani wakwaSirayeli; baya emfazweni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukumkani wakwaSirayeli wathetha noYoshafati, wathi: “Mna ndiza kungena kweli dabi ndinxibe ngendlela eya kundenza ndingaqondakali ukuba ndingukumkani, kodwa ke wena nxiba ezobukhosi.” Ke ukumkani wakwaSirayeli wazenza mntu wumbi, waza ke waya apho edabini.