2 Chronicles 18:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ebesiti u‐Ahabi ukumkani wo‐Sirayeli kuye u‐Yehoshafate ukumkani wo‐Juda: Uya kuhamba na nam ukuya e‐Ramote yase‐Gileyadi? Wayesiti kuye: Ndinjalo mna, njengokuba unjalo wena, nanjengokuba benjalo abantu bako, banjalo abantu bam; sasiya kuba nawe kulemfazwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uAhabhi ukumkani wakwaSirayeli kuYehoshafati ukumkani wakwaYuda, Wohamba na nam, siye kulwa neRamoti yaseGiliyadi?Wathi kuye, Ndinjengawe, abantu bam banjengabantu bakho; soya nawe ekulweni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uAhabhi ukumkani wakwaSirayeli kuYehoshafati ukumkani wakwaYuda, Wohamba na nam, siye eRamoti yaseGiliyadi? Wathi kuye, Ndinjengawe, nabantu bam, banjengabantu bakho; kwaye siya kuba nani edabini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UAhabhi ukumkani wakwaSirayeli wacela uYoshafati wathi: “Uya kuhamba nam na, silwe neRamoti yaseGiliyadi?” UYoshafati wathi: “Mna nawe sibanye; abantu bam ngabantu bakho. Siya kuba kunye kule mfazwe.”