2 Chronicles 18:30 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku ukumkani we‐Siriya ebeyalele inkosi zenqwelwana abenazo, ngokuti: Aniyi kulwa kwa nabancinane nabakulu, kupela niya kulwa nokumkani wo‐Sirayeli yedwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke ukumkani wakwa-Aram wabawisela umthetho abathetheli beenqwelo zokulwa abenazo, wathi, Ize ningalwi nomncinane, nomkhulu; yilwani nokumkani wakwaSirayeli yedwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukumkani wakwa-Aram wabawisela umthetho abathetheli beenqwelo zokulwa ababenaye, wathi, Ize ningalwi nomncinane nomkhulu; ize ningalwi nokumkani wakwaSirayeli;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke ukumkani wama-Aram waziyalela iingqwayi-ngqwayi zeenqwelo zakhe wathi: “Ze ningalwi naye nawuphi na omnye umntu, nokuba ngomncinci, nokuba ngomkhulu, yilwani nokumkani wakwaSirayeli yedwa.”