2 Chronicles 18:31 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kute, xeshekweni inkosi zenqwelwana zambonayo u‐Yehoshafate, zasezisiti: Ngukumkani wo‐Sirayeli lowo. Zaza zamṙaula kuliwe; kodwa u‐Yehoshafate wakala, wati uyehova wamsiza: wada utixo wazinqanda kuye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, bakumbona uYehoshafati abathetheli beenqwelo zokulwa, bathi bona, Ngukumkani wakwaSirayeli; bamrhawula, beza kulwa naye. Wakhala uYehoshafati; uYehova wamnceda, uThixo wabasonga kuye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bambona uYehoshafati abathetheli beenqwelo zokulwa, bathi, Nanku ukumkani wakwaSirayeli; Bamhlasela, balwa naye. uYehoshafati wamphikisa; uYehova wamnceda, uYehova; waza uThixo wawagxotha kuye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Zithe ke iingqwayi-ngqwayi zeenqwelo zakubona uYoshafati, zacinga zathi: “Nguye lo ukumkani wakwaSirayeli.” Ngoko ke zaphethuka zafunzela kuye, kodwa uYoshafati wasuka wakhala, waza ke uNdikhoyo wamhlangula. Ewe, uThixo wenza ukuba zirhoxe zimke ngakuye;