2 Chronicles 18:33 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yandula indoda etile yatyeda isipeta ekungazini kwayo, yambeta ukumkani wo‐Sirayeli pakati kwamakonxo nehempe yentsimbi. Ngako wati kumbexeshi: Songa isandla sako, upume nam emkosini; ngokuba ndenziwe inxeba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi umntu watyeda isaphetha efunisela, watola ukumkani wakwaSirayeli ekuhlanganeni kwengubo yentsimbi namasondo ayo.Wathi kumqhubi wenqwelo yakhe yokulwa, Jika izandla zakho, undikhuphele ngaphandle komkhosi, ngokuba ndingxwelerhiwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Indoda yatola ngesaphetha ngento elukhuni, yambulala ukumkani wakwaSirayeli ekuhlanganeni kotolo kuba ndonzakele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke joni lithile lasuka lajolisa nje ngokungakhathali ngotolo, suka lachana ukumkani wakwaSirayeli, utolo lwangena ekudibaneni kwezikhuselo awayezinxibile. Ukumkani wathetha nomqhubi wenqwelo yakhe, wathi: “Bandingxwelerhile; yijike inqwelo, siphume edabini.”