2 Chronicles 18:34 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kusanda ukulwa ngalomini; waza ukumkani wo‐Sirayeli wazixasa enqwelwaneni malangana nama‐Siriya kwada kwahlwa; wada wafa ngexesha lokutshona kwelanga.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukulwa kwenyuka loo mini. Ukumkani wakwaSirayeli wazimisa enqwelweni phambi kwama-Aram kwada kwahlwa; wafa ukutshona kwelanga.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukulwa kwenyuka loo mini; ukumkani wakwaSirayeli wamisa enqwelweni yakhe kuma-Aram kwada kwahlwa; wathi lakutshona ilanga wafa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Idabi laqhuba ke yonke loo mini, wabe yena ukumkani wakwaSirayeli emi ebambelele enqwelweni yakhe, ejongise ngakuma-Aram kwada kwahlwa. Kambe ke ukutshona kwelanga wafa.