2 Chronicles 18:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula ukumkani wo‐Sirayeli wahlanganisa abaprofite, amadoda angamakulu mane, wati kubo: Siya kuya e‐Ramote yase‐Gileyadi ukulwa, ndiya kuyeka, kusinina? Bati: Nyuka; ngokuba utixo eya kuyinikela esandleni sokumkani.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabahlanganisa ke ukumkani wakwaSirayeli abaprofeti, amakhulu amane amadoda, wathi kubo, Siye kulwana neRamoti yaseGiliyadi, ndiyeke, kusini na? Bathi, Nyuka, uThixo woyinikela esandleni sokumkani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoko ukumkani wakwaSirayeli wabiza amakhulu amané abaprofeti, wathi kubo, Siye kulwa na neRamoti yaseGiliyadi, ndiyishiye, kusini na? Athi, Nyuka; ngokuba uThixo uya kuyinikela esandleni sokumkani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke ukumkani wakwaSirayeli waqokelela abashumayeli abangamakhulu amane, wabuza wathi: “Singaya kulwa na neRamoti yaseGiliyadi, okanye ndirhoxe?” Bathi: “Yiya; uThixo uza kuyinikela esandleni sikakumkani.”