2 Chronicles 18:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza ukumkani wo‐Sirayeli wati ku‐Yehoshafate: Kuseko indoda inye, ekungabuzwayo kuyehova ngayo, kodwa ndiyayitiya, ngokuba ingaprofiteshi ngam okulungileyo, koko iprofitesha okubi ngamaxesha onke; nguye u‐Mikaya unyana ka‐Yimla. Wayesiti u‐Yehoshafate: Makangatsho njalo ukumkani!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi ukumkani wakwaSirayeli kuYehoshafati, Kusekho indoda enye esingabuzisa ngayo kuYehova, ke mna ndiyithiyile; ngokuba ayiprofeti okulungileyo ngam, iprofeta okubi imihla yayo yonke;nguMikaya, unyana kaImla. Wathi uYehoshafati, Makangatsho ukumkani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi ukumkani wakwaSirayeli kuYehoshafati, Kusekho enye indoda, esingabuza ngayo kuYehova; ke mna ndimthiyile; ngokuba ingaprofeti okulungileyo kuye, iprofeta okubi ngamaxesha onke; nguMikaya, unyana kaImla. Wathi uYehoshafati, Makangatsho uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukumkani wakwaSirayeli wathi kuYoshafati: “Kusekho indoda enye esingabuzisa ngayo kuNdikhoyo, kodwa ke mna ndiyithiyile, kuba ayishumayeli okuhle ngokubhekisele kum, soloko ibububi bodwa. Igama layo nguMika, unyana kaImla.” UYoshafati wathi: “Hayi bo, ukumkani makangathethi njalo.”