2 Chronicles 19:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nawo onke amapike aya kuza kuni, evela kubo abazalwana benu abahleli ezixekweni zabo, pakati kwegazi negazi, pakati kwomteto nomyalelo, nezimiselo, nezigwebo, niya kwandula nibayale ukuba mabangabi natyala ngakuye uyehova, ude uhle umsindo pezu kwenu, napezu kwabazalwana benu: yenzani njalo ke, naningayi kuba natyala.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Zonke iindawo ekubanjwene ngazo eziza kuni, zivela kubazalwana benu, abahleli emizini yabo, phakathi kwegazi negazi, phakathi komyalelo nomthetho nemimiselo namasiko, nobakhanyisela; ukuze bangabi natyala kuYehova, bunganifikeli nina nabazalwana benu uburhalarhume bakhe; nenjenjalo, ukuze ningabi natyala.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuphathelele abazalwana benu, yenzani oku, ningoni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kumbandela ngamnye oza kuni uphuma kumawenu ahlala ezixekweni (nokuba ngumcimbi wokuphalala kwegazi, okanye izinto eziphathelele emthethweni, imiyalelo, imimiselo, okanye imiqathango ethile) nina balumkiseni bangamoni uNdikhoyo, kungenjalo ingqumbo yakhe yoba phezu kwenu namawenu lawo. Yenzani loo nto ke ukuze ningoni.