2 Chronicles 19:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wapuma u‐Jehu unyana ka‐Hanani, umboni, ukuya kumhlangabeza, wati kukumkani u‐Yehoshafate: Unga unceda na okohlakeleyo, nabo bamtiyayo uyehova ubatande na? ngako ngenxa yoku kupezu kwako umsindo uvela ebusweni bukayehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waphuma uYehu, unyana kaHanani, imboni, esiya kumkhawulela.Wathi kukumkani uYehoshafati, Kukuthini na ukuba uncede ongendawo, ubathande abathiyi bakaYehova? Kungoko bugalelekileyo kuwe uburhalarhume obuphuma kuYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waphuma uYehu, unyana kaHanani, imboni, esiya kumkhawulela, wathi kukumkani uYehoshafati, Uyabanceda na abangendawo, ubathande na abathiyi bakaYehova? ngenxa yoko bunifikele uburhalarhume, buphuma ebusweni bukaYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
waza ke wahlangatyezwa yimboni uYehu unyana kaHanani, wathi kukumkani: “Ngaba kulungile ukuba usize isikhohlakali, ubathande abo bamthiyileyo *uNdikhoyo? Ngenxa yesi senzo ke ingqumbo kaNdikhoyo iphezu kwakho.