2 Chronicles 19:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako kaloku ulwoyiko lukayehova malube pezu kwenu: lumkani neuze ke; ngokuba kungeko noyehova, utixo wetu, ubumenemene, nokubuka ubuso, nokwamkela amabaso.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngoko ke ukoyikwa kukaYehova makube phezu kwenu; yenzani ngobulumko; ngokuba akukho bugqwetha kuYehova uThixo wethu, nakukhetha buso, nakwamkela sicengo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke ngoko ukoyika uYehova kuya kuba phezu kwenu; Ziboneni ngokwenu, nenze; ngokuba kuYehova uThixo wethu akukho bubi, akukho kuthulula abantu, kungamkeli sicengo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke mhloneleni uNdikhoyo. Ze nigwebe ngenyameko, kuba yena uNdikhoyo uThixo wethu akayenzi into engekho mthethweni; akanagobe, yaye ke akanyobeki.”