2 Chronicles 2:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wapendula u‐Hurame ukumkani we‐Tire ngencwadi, wayituma ku‐Solomone, wati: Ngokuba uyehova ebatandile abantu bake, umisile wena ukumkani pezu kwabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UHiram ukumkani waseTire wathumela kuSolomon ngokubhala, wathi, UYehova, ngokubathanda kwakhe abantu bakhe, ukumisile ukuba ube ngukumkani kubo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waphendula uHiram ukumkani waseTire, ngencwadi abeyithumele kuSolomon, wathi, uYehova ubathande abantu bakhe, ubamisele ukumkani wabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke ukumkani uHiram waseTire waphendula uSolomon ngeleta wenjeje: “Ngenxa yokubathanda kwakhe uNdikhoyo abantu bakhe, umise wena wangukumkani wabo.”