2 Chronicles 2:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wabala u‐Solomone onke amadoda asemzini abeko elizweni lakwa‐Sirayeli, ngokubala abewabalile ngako u‐Davide uyise wake; aza afunyanwa engamawaka alikulu linamashumi mahlanu, namawaka matatu anamakulu matandatu ngapandle.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
USolomon wawabala onke amadoda angawasemzini, abe esezweni lamaSirayeli, emva kokubala awawabala ngako uDavide uyise;afumaneka elikhulu elinamanci amahlanu amawaka, elinesithathu samawaka, anamakhulu amathandathu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uSolomon wababala bonke oonyana bolunye uhlanga, ababesezweni lakwaSirayeli, ngokwenani awababalayo uDavide uyise; kwaye kwafunyanwa ikhulu elinamashumi amahlanu anesithathu samawaka anamakhulu amathandathu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
USolomon wazibala zonke iintlanga ezazihlala apho kwaSirayeli, ngokoluya balo lwalenziwe nguyise uDavide, zafumaneka zingamawaka alikhulu elinamashumi amahlanu anantathu anamakhulu amathandathu.