2 Chronicles 2:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku u‐Solomone watuma ku‐Hurame ukumkani we‐Tire, ukuti: Njengokuba ubusenza ku‐Davide ubawo, waza wamtumela imiti yesedare, ukuze akelwe indlu ukuba ahlale kuyo, yenje njalo nakum.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathumela uSolomon kuHiram ukumkani waseTire, wathi, Njengoko wakwenzayo kuDavide ubawo, wathumela kuye imisedare yokuzakhela indlu yokuba ahlale kuyo, yenjenjalo nakum.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathumela uSolomon kuHiram ukumkani waseTire, wathi, Njengoko wenza ngako kuDavide ubawo, wathumela kuye imisedare yokuzakhela indlu yokuba ahlale kuyo, wenjenjalo nakum.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
USolomon wathumela umyalezo kukumkani uHiram waseTire, esithi: “Nam khawundithumele izikhuni zomsedare kwanjengoko wenzayo kubawo uDavide ngokuya wayeza kuzakhela ibhotwe.