2 Chronicles 2:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bona ke, ndiyaka indlu egameni likayehova, utixo wam, ize yenzwe ngcwele kuye, ukuba kuqunyiswe ebusweni bake isiqumiso esimnandi, nokuba ibe ye yezonka zokuṙozwa futi, n e yamadini okutshiswa ngokusa nangokuhlwa, ngemihla yesabata, nangenyanga ezitwasileyo, nangemitendeleko emisiweyo kayehova, utixo wetu: yinto engunapakade le ko‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yabona, ndilakhela indlu igama likaYehova uThixo wam, ukuba ingcwaliselwe yena, kuqhunyiselwe phambi kwakhe isiqhumiso esiqholiweyo, kucwangciswe ngamaxesha onke ukucwangciswa kwezonka, kunyuswe amadini anyukayo kusasa nangokuhlwa, ngeesabatha, nasekuthwaseni kwenyanga, nangamaxesha amisiweyo nguYehova uThixo wethu; yeyaphakade loo nto kumaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yabona, ndilakhela indlu igama likaYehova uThixo wam, ukuba ndingcwaliswe kuye, ndiqhumisele phambi kwakhe, ndiqhumisele ngezonka ezicwangcisiweyo ngamaxesha onke, namadini anyukayo akusasa nangokuhlwa, kusasa nangokuhlwa. Iisabatha nakwinyanga entsha ucinga ntoni? emithendelekweni kaYehova uThixo wethu. Lowo ngummiselo ongunaphakade kuSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoku mna ndiza kwakhela igama likaNdikhoyo uThixo wam indlu. Yona ndoyinikela kuye, kuyo kutshiswe iziqhumiso ezivumba limnandi, kusenzelwa yena. Kwalapho kuyo kohlala kubekwa isonka esinikelwa kuye, kwenziwe namadini atshiswayo mihla le kusasa nasemalanga, *ngeMihla yokuPhumla, nangamathuba okuthwasa kwenyanga, nangamatheko amisiweyo kaNdikhoyo uThixo wethu. Lowo ke ngummiselo wakwaSirayeli ongasoze waphela.