2 Chronicles 2:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngubanina kodwa onamandla okuba amakele indlu, izulu, kwa nezulu lamazulu, lingenako ukumbamba nje? ndingubanina nam, ukuba ndimakele indlu, kupela kuqunyiswe isiqumiso ebusweni bake?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngubani na onamandla okumakhela indlu; ngokuba izulu, nezulu lawo amazulu, alimlingene? Ndingubani na ke mna, ukuba ndimakhele indlu, ingaba yeyokuqhumisela phambi kwakhe kodwa?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngubani na ongamakhela indlu, ekubeni izulu lawo amazulu alingana naye? Ndingubani na ke mna, ukuba ndimakhele indlu, ingekukuba itshise phambi kobuso bakhe?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe, akukho namntu ungamakhela ndlu; kuba kaloku namazulu, nditsho amazulu asemajuku-jukwini, akanako ukumqulatha. Bendingubani ke mna, ukuba ndide ndimakhele indlu, ngaphandle nje kokuba ndakhe indawo yokutshisa amadini phambi kwakhe?