2 Chronicles 2:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nditumele nemiti yesedare, n eyeberoshe, neyelagume, ivela e‐Lebanone; ngokuba ndisazi mna, okokuba izicaka zako ziyazi ukugaula imiti yase‐Lebanone; kanjalo, bona ke, izicaka zam zoba nezicaka zako:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndithumele nemisedare, nemisipres, nemialgumi, evela eLebhanon; ngokuba ndiyazi mna ukuba abakhonzi bakho bayakwazi ukugawula imithi eLebhanon. Yabona abakhonzi bam bohamba nabakhonzi bakho,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndithumele nemisedare, nemisipres, nemialgumi, evela eLebhanon; ngokuba ndiyazi ukuba abakhonzi bakho banako ukugawula imithi eLebhanon; yabona, abakhonzi bam baya kuba nabakhonzi bakho;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Kananjalo ndithumele izikhuni zomsedare, ipayini, nom-algumi, kuloo mahlathi aseLebhanon. Kaloku ndiyazi ukuba amadoda akho ziingcali ekugawuleni imithi apho eLebhanon. Amadoda am osebenzisana nawakho,