2 Chronicles 20:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Tixo wetu! akuyi kulugweba na? ngokuba kungeko amandla kuti ebusweni besisihlwele sikulu esizayo ngakuti; kanjako asazi tina into esiya kuyenza: kodwa amehlo etu angakuwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Thixo wethu, akuyi kubagweba na? Ngokuba asinamandla okumelana nale ngxokolo ininzi isizelayo; thina asazi ukuba sothini na, kodwa amehlo ethu akuwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Thixo wethu, akufuni ukubagweba na? kuba asinamandla okumelana nendimbane enkulu esiza nxamnye nathi; kwaye asazi ukuba senze ntoni na, kodwa amehlo ethu akuwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Thixo wethu, khawubohlwaye. Thina ngokunokwethu asinawo amandla okujongana nale nyambalala yomkhosi osihlaselayo. Ewe, asazi nemasikwenze, koko amehlo ethu akhangele kuwe.”