2 Chronicles 20:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
waza wati: Pulapulani, bo‐Juda bonke, nabemi base‐Yerusaleme, nokumkani Yehoshafate! utsho uyehova kuni ukuti: Ningoyiki, ningatuswa kanjalo, ngenxa yesisihlwele sikulu; ngokuba kungekokwenu ukulwa oku, kuko kukatixo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
wathi, Bazani iindlebe, nonke maYuda, nani bemi baseYerusalem, nawe kumkani Yehoshafati. Utsho uYehova ukuthi kuni, Musani ukoyika, musani ukuqhiphuka umbilini ngenxa yale ngxokolo inje ukuba ninzi; ngokuba imfazwe le asiyeyenu, yekaThixo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi, Yivani, nonke maYuda, nani bemi baseYerusalem, nawe kumkani Yehoshafati. Utsho uYehova ukuthi, Musani ukoyika, musani ukoyika, musani ukoyika ngenxa yale ngxokolo inje ukuba ninzi; ngokuba imfazwe asiyeyenu, yekaThixo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi: “Phulaphulani, kumkani uYoshafati nani bemi bakwaJuda naseJerusalem. UNdikhoyo uthi kuni: ‘Sanukoyika; ze ningatyhafi ngenxa yale nyambalala yomkhosi. Kaloku imfazwe le asiyoyenu, yekaThixo.