2 Chronicles 20:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Asi kokwenu ukulwa koku kulwa: zimiseni, yimani nibone usindiso lukayehova onani, bo‐Juda ne‐Yerusaleme! ningoyiki, ningatuswa kanjalo; ngomso pumelani ngakulo; ngokuba uyehova enani.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Le yanamhla asiyeyenu; zimiseni nime, nilubone usindiso lukaYehova onani, maYuda neYerusalem. Musani ukoyika, musani ukuqhiphuka umbilini. Phumani ngomso nibahlangabeze; uYehova unani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ize ningalwi eli dabi; yimani, yimani, nilubone usindiso lukaYehova onani, maYuda neYerusalem; musani ukoyika, musani ukoyika; Bahlaseleni ngomso, ngokuba uYehova unani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Asinini abaya kulilwa eli dabi. Yimani ngeendawo zenu, niqingqe nje, nibukele uNdikhoyo enihlangula, ndlundini kaJuda nani bemi baseJerusalem. Ze ningoyiki okanye nityhafe. Ngomso phumani nijongane nabo, uNdikhoyo uya kuba nani.’ ”