2 Chronicles 20:21 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula wacebisana nabantu, wammisela uyehova abaculi, abaya kudumisa ebuhleni bobungcwele, bakupuma pambi kwabaxo̔bileyo, besiti: Bulelani kuyehova; ngokuba ububele bake bungunapakade.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uthe akucebisana nabantu, wamisa iimvumi zikaYehova zokudumisa, zivethe ezingcwele, eziya kuphuma zihambe phambi kwabaxhobileyo, zisithi, bulelani kuYehova, ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uthe ke akuba ethethile ebantwini, wamisa iimvumi zozuko lukaYehova, ezidumisa uzuko lobungcwele, ukuba zihambe phambi kwamatyala, zisithi, Dumisani uYehova! Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akuba ethetha-thethene nabantu uYoshafati wamisela iimvumi zokuculela uNdikhoyo, ukuze zimbonge ngenxa yobunewu-newu bobungcwele bakhe. Zawukhokela ke umkhosi lowo, zimemelela zisithi: “Bulelani kuNdikhoyo, kuba izibele zakhe zimi ngonaphakade.”