2 Chronicles 20:23 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba usapo luka‐Hamoni noluka‐Mowabi belusukela ngakubo abemi bentaba ye‐Sehire, ukuze lugqibele ukubabulala nokubatshabalalisa; naxeshekweni belupelisile abemi bentaba ye‐Sehire, lwanceda olunye ukububisa olunye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba oonyana baka-Amon nabakaMowabhi besuka balwa nabemi bentaba yakwaSehire, ukuba babasingele phantsi, babatshabalalise. Bakubagqiba abemi bakwaSehire, babulalana kwabodwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Oonyana baka-Amon namaMowabhi basukela phezulu kubemi bentaba yakwaSehire, ukuba babaqalekise, babatshabalalise;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku ama-Amon namaMowabhi asuka avukelana namadoda entaba iSeyire, awangenela awatshabalalisa. Akuba ewagwintile amadoda aseSeyire, ajika abulalana kwaodwa.