2 Chronicles 20:25 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwandula ukuza u‐Yehoshafate nabantu bake ukupanga amaxoba abo, bafumana pakati kwabo ngobuninzi, kwa impahla, nemizimba efileyo, nezinto ezinqwenelekileyo, bazihlubela kwada kwakohlwa kutwalwa: baye bentsuku ntatu bepanga amaxoba lawo, ngokuba ebemaninzi wona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehoshafati nabantu bakhe beza kuphanga amaxhoba;bafumana kubo into eninzi: impahla, nezidumbu, nezinto ezinqwenelekayo; baziphangela, kwayinkohla ukuyithwala. Baba ntsuku ntathu bewaphanga amaxhoba, ngokuba abemaninzi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYehoshafati nabantu bakhe beza kuphanga amaxhoba kubo, bafumana kubo ubutyebi obukhulu, nezidumbu, neempahla ezinqwenelekayo, bazithabathela kubo; ababa nakuhamba nabo; bachitha iintsuku ezintathu beqokelela amaxhoba, nto leyo eyayininzi kakhulu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke uYoshafati namadoda akhe basuka bachola-chola amaxhoba: impahla eyayikwezo zidumbu, nezinye izinto ezixabisekileyo – intabalala ababengenako ukuyiphatha yonke. Amaxhoba lawo ayemaninzi kangangokuba bathatha iintsuku ezintathu ukuwaqokelela.