2 Chronicles 20:26 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nangolwesine usuku, bazihlanganisela emhlanjeni we‐Beraka; ngokuba apo bambonga uyehova: ngako oko kwabizwa igama lalondawo ngokuti ngumhlambo we‐Beraka kwada kwanamhla.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngomhla wesine bahlanganisana eNtilini yokuBonga; kuba bambonga khona uYehova; ngenxa yoko bathi igama lale ndawo yiNtili yokuBonga, unanamhla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngosuku lwesine bahlanganisana entilini yaseBheraga; ngokuba babemnqula khona uYehova; ke ngoko, indawo leyo yathiywa ngokuba yiMoedi waBeraga kude kube namhlanje.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngosuku lwesine ke bahlanganisana kwintili yeBheraka, baza ke apho bamdumisa uNdikhoyo. Kungoko ke loo ndawo kwathiwa yintili yeBheraka unanamhlanje.