2 Chronicles 20:27 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ada abuya onke amadoda akwa‐Juda nawase‐Yerusaleme, no‐Yehoshafate epambi kwawo, ukuya kubuyela e‐Yerusaleme ngovuyo; ngokuba uyehova ebewavuyisile pezu kwentshaba zawo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abuya onke amadoda akwaYuda nawaseYerusalem, uYehoshafati esentloko kuwo, ukuze abuye aye eYerusalem, enovuyo; ngokuba uYehova wenza ukuba azivuyelele iintshaba zawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Abuya, onke amadoda akwaYuda nawaseYerusalem, ekhokelwa nguYehoshafati, ukuba abuyele eYerusalem evuya; ngokuba uYehova wabavuyisa ngenxa yeentshaba zabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
AbakwaJuda naseJerusalem ke bonke bakhokelwa nguYoshafati, bajika bevuya baya eJerusalem. Kaloku uNdikhoyo wabatsho banemincili bavuya phezu kweentshaba zabo.