2 Chronicles 20:30 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baza ubukumkani buka‐Yehoshafate bonwaba; ngokuba utixo wake wamnika ukupumla ngokungqonga.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bazola ke ubukumkani bukaYehoshafati; uThixo wakhe wamphumza ngeenxa zonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bathi cwaka ke ubukumkani bukaYehoshafati, ngokuba uThixo wakhe ubemphumzile ngeenxa zonke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Umbuso kaYoshafati ke waxhamla uxolo, kuba kaloku uThixo wakhe wayemnike ukuphumla macal' onke.