2 Chronicles 20:31 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwa njalo u‐Yehoshafate wapata ubukumkani pezu kwo‐Juda: ebeyiminyaka imashumi matatu anesihlanu ubudala bake, akuba ngukumkani: wapata ubukumkani iminyaka yamashumi mabini anamihlanu e‐Yerusaleme. Igama lonina belingu‐Hazuba, intombi ka‐Shilihi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehoshafati waye engukumkani kwaYuda; ubeminyaka imashumi mathathu anamihlanu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; aba neminyaka emashumi mabini anamihlanu engukumkani eYerusalem.Igama lonina lalinguAzubha, intombi kaShilehi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYehoshafati waye engukumkani kwaYuda; Ubeminyaka imashumi mathathu anamihlanu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka emashumi mabini anamihlanu engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguAsubha, intombi kaSilehi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke uYoshafati wamlawula uJuda. Ukuqala kwakhe ukulawula wayeneminyaka emashumi mathathu anantlanu, waza ke walawula eJerusalem iminyaka emashumi mabini anantlanu. Unina yayinguAzubha intombi kaShili.