2 Chronicles 20:33 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kodwa indawo ezipakamileyo bezingasuswa; ngokuba abantu bengekabekisanga intliziyo zabo kuye utixo woyise babo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kodwa iziganga abazisusanga; abantu babengekazibhekisi iintliziyo zabo kuThixo wooyise.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke iziganga azisuswanga; ngokuba abantu bebengayilungisanga intliziyo yabo kuThixo wooyise.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke zona iindawo eziphakamileyo zonqulo zange zitshitshiswe; abantu abazange bade babambelele ngomxhelo wabo kuThixo wooyise.