2 Chronicles 20:34 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nesisalela semicimbi ka‐Yehoshafate, eyokuqala neyokupela, bona ke, iba̔liwe yona emazwini ka‐Jehu unyana ka‐Hanani, abefakwa encwadini yokumkani bo‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ezinye izinto zikaYehoshafati, ezokuqala nezokugqibela, nanzo zibhaliwe emicimbini kaYehu unyana kaHanani, eyafakwa encwadini yookumkani bakwaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ezinye izinto zikaYehoshafati, ezokuqala nezokugqibela, nanzo zibhaliwe encwadini kaYehu unyana kaHanani, ebhalwe encwadini yookumkani bakwaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke ezinye zeziganeko zolawulo lukaYoshafati, ukusukela ekuqalekeni kude kuye esiphelweni, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli, ngcombolo leyo ke ilandwa nguYehu unyana kaHanani.