2 Chronicles 20:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
wati: Yehova, Tixo wobawo betu! akunguye na wena ongutixo ezulwini? akupati ubukosi na wena pezu kwabo bonke ubukumkani babaheyideni? nasesandleni sako akuko na ukwomelela namandla, kungeko ongamelana nawe?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
wathi, Yehova, Thixo woobawo, asinguwe na onguThixo emazulwini? Asinguwe na umlawuli ezikumkanini zonke zeentlanga?Akasesandleni sakho na amandla nobugorha, ukuba kungabikho unokumelana nawe?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi, Yehova, Thixo woobawo, asinguwe na onguThixo emazulwini? Asinguwe na olawula zonke izikumkani zeentlanga? Akukho mandla namandla esandleni sakho, akukho bani unokukuchasa?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
waza wathi: “Ndikhoyo, Thixo woobawo, andithi na kaloku unguThixo osezulwini? Nguwe olawula zonke izikumkani zezizwe. Amandla nokomelela kusesandleni sakho; akukho mntu unokumelana nawe.