2 Chronicles 20:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Akunguwe na, utixo wetu, owagqogqayo abemi belilizwe pambi kwabantu bako o‐Sirayeli, waza walinika kuyo inzalo ka‐Abrahame umhlobo wako kude kube ngunapakade?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Asinguwe na uThixo wethu, owabagqogqayo abemi beli lizwe phambi kwabantu bakho amaSirayeli, waza walinika imbewu ka-Abraham okuthandayo, ngonaphakade?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Asinguwe na uThixo wethu, owabagxothayo abemi beli lizwe phambi kwabantu bakho amaSirayeli waza walinika intsapho ka-Abraham umhlobo wakho ukusa kwixesha elingenammiselo?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku, wena Thixo wethu, wabadudula wabakhupha abemi beli lizwe, amaSirayeli ebukele, waza lona walinikela ukuba libe lelesizukulwana sika-Abraham isihlobo sakho ngonaphakade.