2 Chronicles 21:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjako wazenza indawo ezipakamileyo ezintabeni zakwa‐Juda, wenza abemi base‐Yerusaleme bawenze umbulo, wabakukulisa no‐Juda.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kananjalo, yena wenza iziganga ezintabeni zakwaYuda;wabahenyuzisa abemi baseYerusalem, wawawexula amaYuda.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngaphezu koko, wenza iindawo eziphakamileyo ezintabeni zakwaYuda waza wabangela ukuba abemi baseYerusalem bakrexeze waza wamnyanzela uYuda ukuba enjenjalo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
kananjalo wakha iindawo eziphakamileyo zonqulo kwiinduli zakwaJuda, abantu baseJerusalem wabafaka kumkhwa wobuhenyu. Ewe, wamlahlekisa uJuda.