2 Chronicles 21:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kodwa uhambile endleleni yabo okumkani bo‐Sirayeli, wenza o‐Juda nabemi base‐Yerusaleme bawenze umbulo, njengemibulo yendlu ka‐Ahabi; nokuba kanjalo ubabulele abaninawe bako bendlu kayihlo, abebelungile ngapezu kwako;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
usuke wabamba ngeendlela zookumkani bakwaSirayeli, wawahenyuzisa amaYuda nabemi baseYerusalem, ngokokuhenyuzisa kwendlu ka-Ahabhi; kananjalo wababulala abaninawa bakho bendlu kayihlo, ababelungile kunawe:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa wena wahamba ngendlela yookumkani bakwaSirayeli waza wabangela ukuba uYuda nabemi baseYerusalem bahenyuze, njengamahenyukazi endlu ka-Ahabhi, yaye wababulala nabantakwenu bendlu kayihlo, ababelunge ngakumbi kunaye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
koko usuke wahamba ngeendlela zookumkani bakwaSirayeli. UJuda nabantu baseJerusalem ubakhokelele kumkhwa wobuhenyu, njengoko yenzayo indlu ka-Ahabhi. Kananjalo ubabulele abantakwenu, usapho lwendlu kayihlo, amadoda ebengcono kunawe.