2 Chronicles 21:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Aza enyuka pakati kwe‐Juda, ayoyisa, atimba yonke impahla ebifunyanwa endlwini yokumkani, kwa nonyana bake, nabafazi bake; kwada akwamshiyelwa unyana, kupela u‐Yehowahazi, omncinane wonyana bake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Enyuka eza kwelamaYuda, atyhoboza, angena kulo, athimba yonke impahla eyafumaneka endlwini yokumkani, kwanoonyana bakhe, nabafazi bakhe; abamshiya nanyana, yaba nguYehowahazi unyana wakhe omncinane yedwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Enyuka ke aya kwaYuda, angena kulo, athabatha yonke impahla eyafumaneka endlwini yokumkani, noonyana bakhe, nabafazi bakhe; engashiyanga nyana wakhe, ngaphandle kukaYowakazi, oyena mncinane koonyana bakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bamhlasela uJuda, batyhoboza, baza bazithatha zonke izinto ezixabisekileyo ezafumaneka ebhotwe, ndawonye nabafazi bakakumkani noonyana. Akusalanga namnye unyana ngaphandle kwephelo lakhe uAhaziya.