2 Chronicles 21:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaza kwati emva kwemihla emininzi, kwa ngexesha lokufika kwesipelo seminyaka mibini, apuma amatumbu ake ngenxa yesosifo; wada wabuba zizifo ezibi: baye abantu bake bengamenzeli isitshiselwa, njengesitshiselwa soyise bake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi ekuhambeni kwexesha, ekupheleni kweminyaka emibini esifa, zaphuma izibilini zakhe esifa njalo; wafa esezintlungwini ezinkulu. Abantu bakhe abamenzelanga baso njengebaso looyise.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwathi ke ekuhambeni kwexesha, ekupheleni kweminyaka emibini, amathumbu akhe aphuma ngaphandle ngenxa yesifo sakhe, apho wafa ngenxa yezifo ezibuhlungu. Yaye abantu bakhe abazange babase umlilo njengowookhokho bakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ethubeni, ekupheleni konyaka wesibini, izibilini zakhe zaphuma ngenxa yeso sifo, waza wafela entlungwini emangalisayo. Abantu bakhe ke abazange bamzilele ngomlilo njengoko babenzile kooyise.