2 Chronicles 21:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayenabaninawe, onyana baka‐Yehoshafate, u‐Hazariya, no‐Yehili, no‐Zekariya, no‐Hazariya, no‐Mikaheli, no‐Shefatiya: bonke aba bebengonyana baka‐Yehoshafate ukumkani wo‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ubenabaninawa, oonyana bakaYehoshafati; uAzariya, noYehiyeli, noZekariya, noAzariya, noMikayeli, noShefatiya;bonke abo ngoonyana bakaYehoshafati, ukumkani wakwaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wayenabazalwana bakhe, oonyana bakaYoshafati, uAzariya, noYehiyeli, noZekariya, noAzariya, noMikayeli, noShefatiya; bonke bephela babengoonyana bakaYehoshafati ukumkani wakwaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abantakwabo-Yehoram, oonyana bakaYoshafati, yayingooAzariya, uYehiyeli, uZakariya, uAzariyahu, iMikayeli, noShefatiya. Bonke abo ke ngoonyana bakaYoshafati ukumkani wakwaSirayeli.