2 Chronicles 21:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati uyise wabo wabapa amabaso amaninzi, awesilivere, nawegolide, nawezinto ezinqabileyo, kunye nezixeko ezinqatyisiweyo kwa‐Juda; kodwa ubukumkani wabunika ku‐Yehorame; ngokuba ebengowamazibulo yena.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uyise wabanika izipho ezininzi zesilivere nezegolide, nezinto ezintle, kunye nemizi enqatyisiweyo kwaYuda; ke ubukumkani wabunika uYehoram, ngokuba ebengowamazibulo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uyise wabanika izipho ezininzi zesilivere nezegolide, nezinto ezinqwenelekayo, kwanemizi enqatyisiweyo kwaYuda; ke ubukumkani wabunika uYoram; ngokuba ebengowamazibulo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uyise wabanika intaphane yezipho: isiliva, igolide, nezinto ezixabisekileyo, kananjalo nezixeko ezinqatyisiweyo kwelakwaJuda. Kambe ke wona umbuso wawunika uYehoram, kuba kaloku wayengunyana wamazibulo.